46. kwathabathela e-Ekron ngasentshonalanga, yonke esecaleni leAshdode, nemizana yayo.
47. IAshdode, namagxamesi ayo, nemizana yayo; iGaza namagxamesi ayo, nemizana yayo, kwesa kumlanjana weYiputa, nolwandle olukhulu, nommandla walo.
48. Esezintabeni: yiShamire, neYatire, neSoko,
49. neDana, neKiriyati-sana (yiDebhiri ke leyo);
50. neAnabhi, ne-Eshtemo,
51. neAnim, neGoshen, neHolon, neGilo: imizi elishumi elinamnye, inemizana yayo.
52. IArabhi, neDuma, ne-Eshan,
53. neYanim, neBhete-tapuwa, neAfeka,
54. neHumta, neKiriyati ka-Arbha (yiHebron ke leyo); neTsihore: imizi esithoba inemizana yayo.