13. UYoshuwa wamsikelela, wamnika iHebron uKalebhi unyana kaYefune, ukuba ibe lilifa.
14. Ngenxa yoko iHebron yaba lilifa likaKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, unanamhla; ngenxa enokuba wazalisayo ukumlandela uYehova, uThixo kaSirayeli.
15. Igama laseHebron ngenxa engaphambili laliyi-Kiriyati ka-Arbha, umntu omkhulu phakathi kwama-Anaki ke. Lazola ilizwe akwabakho mfazwe.