1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo;Ke angáthini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
3. Ukuba úthe yena wafuna ukubambana naye,Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
4. Úlumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla:Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
5. Uloshenxisa iintaba zingazi,Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
6. Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo,Zididizele iintsika zalo;
7. Ulothetha elangeni lingaphumi,Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
8. Ulotwabulula ixulu eyedwa,Anyathele emimangweni yolwandle;