1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo;Ke angáthini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
3. Ukuba úthe yena wafuna ukubambana naye,Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
4. Úlumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla:Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?