1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam,Kwabekwa esikalini* ukweyela kwam ndawonye nako!
3. Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle;Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.
4. Kuba iintolo zoSomandla zimi kum,Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam;Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.
5. Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni?Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?