1. Khawubize kambe, ukuba úkho na owokuphendula.Ùya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
2. Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane,Nekhwele liyambulala osisiyatha.
3. Ndimbonile mna osisimathane emila;Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
4. Bakude nosindiso abantwana bakhe,Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
5. Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe,Balurhole naseluthangweni lwesiphingo;Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
6. Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini,Nobuni abuntshuli emhlabeni;
7. Hayi, umntu uzalelwa ububi,Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
8. Ke mna bendiya kusingisa kuThixo,Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
9. Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
10. Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba,Ase amanzi phezu kwamaphandle,