21. Lumka, ungaguqukeli konobutshinga;Kuba ùnyulé loo nto kuneentsizi.
22. Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe;Ngubani na umyali onjengaye?
23. Ngubani na omphathise indlela yakhe;Ngubani na ongáthi, Wènzé ngobugqwetha?
24. Khumbula ukuba úwukhùlise ngendumiso umsebenzi wakhe,Awuhlabele ingoma amadoda.
25. Bonke abantu bayawubona;Umntu uwukhangela emgama.
26. Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27. Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi,Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
28. Esiyinisayo isibhakabhaka,Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
29. Kanene baya kuqónda na ukwanekwa kwamafu,Nokuzongoma komnquba wakhe?