1. Waqokela uElihu, wathi,
2. Khawenze kuhle, ndikutyele;Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.
3. Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam,Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
4. Okwenene, àkubuxoki ukuthetha kwam;Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.