1. Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam,Uwabekele indlebe amazwi am onke.
2. Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam,Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.
3. Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am;Ukwazi komlomo wam ákuthetha kanyulu.
4. UMoya kaThix wandenza,Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
5. Ukuba ùnako, ndiphendule;Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.
6. Ùyabona, njengawe ndingokaThixo;Ndacatshulwa eludongweni nam.