29. Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
30. (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
31. Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
32. Ubengalali phandle umphambukeli,Iingcango zam bendizivulela endleleni;
33. Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
34. Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —
35. Andaba bendinondiphulaphulayo!Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.
36. Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam,Ndoyithi jize kum njengesithsaba.
37. Inani lamabanga am ndomxelela,Ndimsondele njengengànga.
38. Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim,Nemiqela yawo yalila kunye nawo;
39. Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali,Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo: