22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;
26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,Nenyanga ihamba indilekile,
27. Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:
28. Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.