17. Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum;Iintlungu ezindidlayo azipheli.
18. Ngobukhulu bamandla sizenzé sasisimbi isambatho sam,Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.
19. Úndijulele eludakeni,Ndafana nothuli nothuthu.
20. Ndiyazibika kuwe, ungasabeli;Ndisuka ndime, undijonge.
21. Ùzenza isijorha kum;Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.
22. Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo,Undibhangise nokuzongoma kwawo.