13. Intsikelelo yabadakayo ibindizela,Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.
14. Ubulungisa bendibambatha bundambathe;Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.
15. Bendingamehlo kwimfama,Bendiziinyawo kwisiqhwala;
16. Bendinguyise kumahlwempu,Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.
17. Bendiwaphula amabamba ogqwethayo,Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.
18. Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam,Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.*
19. Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi,Ulale umbethe emasebeni am.
20. Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum,Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.