8. Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo,Engahanjwanga nayingonyama.
9. Usa isandla sakhe nakwiqhwitha,Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.
10. Ugqobhoza imijelo emaweni;Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.
11. Uvingca imilambo ingavuzi,Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.
12. Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na?Iphi na indawo yengqondo?
13. Àkalazi umntu ixabiso labo;Àbufunyanwa ezweni labahleliyo.
14. Amanzi enzonzobila athi, Àbukum;Ulwandle luthi, Àbunam.
15. Àkurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo;Àkulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
16. Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire,Nesardonisi* enqabileyo, nesafire.*
17. Azinakulingana nabo igolide negilas;Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
18. Zingasakhunjulwa iikroale* neekristale,*Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.*
19. Ayinakulingana nabo itopazi* yakwaKushi;Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
20. Ubulumko buvela phi na ke,Yiyiphi na indawo yengqondo?
21. Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo;Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
22. Inzonzobila nokufa kuthi,Sibuvile ukubuva ngendlebe.
23. NguThixo oyiqondayo indlela yabo,Nguye oyaziyo indawo yabo.
24. Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi,Ubona phantsi kwamazulu onke;