2. Kushenxiswa imilimandlela;Kuphangwa imihlambi, yaluswe.
3. Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama,Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.
4. Kugilwa amahlwempu endleleni,Bazímele ndawonye abaziintsizana belizwe.
5. Khangela, njengamaesile asendle entlango,Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla;Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.
6. Esisimini bavuna ukutya kwabo,Babhikice esidiliyeni songendawo.
7. Balala zé bengenangubo,Àbananto yokuzigubungela engqeleni,
8. Bayanetha sisiphango seentaba;Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzímela.
9. Kuhluthwa ebeleni iinkedama,Koniwe abaziintzisana.
10. Bahamba zé, bengenangubo;Bathwala izithungu, belambile.
11. Phakathi kweendonga zâbaya bakhama ioli,Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.