17. Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke;Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.
18. Bayakhawuleza phezu kwamanzi;Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini;Abasasingi endleleni yesidiliya.
19. Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela;Aboni bahluthwa lelabafileyo.
20. Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya,Ababi sakhunjulwa;Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.
21. Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga;Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.
22. Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe,Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.
23. Uzinika inkoloseko, zayame,Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,
24. Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho.Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke,Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.
25. Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga,Akwenze into engento ukuthetha kwam?