15. Iliso lomkrexezi ligciné ungcwalazi;Ùthi, Akukho liso liya kundalama,Anxibe isigqubuthelo ebusweni.
16. Bagqobhoza izindlu emnyameni;Emini bayazivalela,Abazani nokukhanya.
17. Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke;Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.
18. Bayakhawuleza phezu kwamanzi;Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini;Abasasingi endleleni yesidiliya.
19. Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela;Aboni bahluthwa lelabafileyo.
20. Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya,Ababi sakhunjulwa;Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.
21. Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga;Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.