12. Emizini kugula amadoda,Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala;Kanti uThixo akathi bubuhilihili.
13. Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni;Abanakwazana neendlela zako,Abahlali ezingqushwini zako.
14. Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange,Sibulale iintsizana namahlwempu;Ebusuku sibe njengesela.
15. Iliso lomkrexezi ligciné ungcwalazi;Ùthi, Akukho liso liya kundalama,Anxibe isigqubuthelo ebusweni.
16. Bagqobhoza izindlu emnyameni;Emini bayazivalela,Abazani nokukhanya.
17. Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke;Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.