1. Yini na ukuba kungàbekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?
2. Kushenxiswa imilimandlela;Kuphangwa imihlambi, yaluswe.
3. Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama,Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.
4. Kugilwa amahlwempu endleleni,Bazímele ndawonye abaziintsizana belizwe.