3. Ndithwaleni, ndithethe nam;Nigculele emva kwamazwi am.
4. Mna, inkalazo yam isemntwini yini na?Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?
5. Bhekani kum, nimangaliswe;Bekani isandla emlonyeni.
6. Okunene, ndakùkhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe,Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.
7. Yini na ukuba abangendawo badle ubomi,Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?
8. Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo;Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.
9. Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya,Nentonga kaThixo ayibafikeli.