1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Yivani, nikuve ukuthetha kwam;Kube ziintuthuzelo zenu oku.
3. Ndithwaleni, ndithethe nam;Nigculele emva kwamazwi am.
4. Mna, inkalazo yam isemntwini yini na?Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?
5. Bhekani kum, nimangaliswe;Bekani isandla emlonyeni.
6. Okunene, ndakùkhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe,Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.
7. Yini na ukuba abangendawo badle ubomi,Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?