23. Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am!Akwaba ebekrolwe encwadini!
24. Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe,Axholelwe eweni nanini!
25. Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli;Engowokuphela, uya kusuka éme phezu kothuli lwehlabathi.
26. Emveni kokuba ulùsu lwam ludlavulwe lwanje,Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,
27. Endiya kuzibonela mna ngokwam;Amehlo am ambone, ingabi wumbi.Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.
28. Ukuba nithi, Simsukela ngani na?Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum: