14. Izalamane zam zindishiyile,Nabazana nam bandilibele.
15. Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam,Bandibalele ekuthini ndingowasemzini,Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.
16. Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli;Ndimbongoze ngomlomo wam.
17. Umoya wam umkruqule umkam;Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
18. Namakhwenkwe ayandicekisa;Ndakusuka, asuka athethe ngam.
19. Ndilisikizi kumakholwane am,Nabendibathanda bandiguqukele.
20. Amathambo am atshele elùswini lwam nasenyameni yam;Ndisindé macebetshu.
21. Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam;Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
22. Yini na ukuba nindisukele njengoThixo,Ninganeli yinyama yam?
23. Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am!Akwaba ebekrolwe encwadini!