1. Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2. Kunini na nikuzingela ukuthetha?Qondani, sothetha emveni koku.
3. Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo,Sibe ziinqambi emehlweni akho?
4. Wena uziqwengayo ngomsindo wakho,Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na?Likhwelèle iliwa endaweni yalo?