6. Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni;Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7. Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka;Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
8. Bamangaliswa abathe tye yile nto;Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
9. Ke olilungisa ubambe indlela yakhe,Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
10. Kodwa nina nonke, buyani, khanize;Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
11. Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam,Amafa entliziyo yam.
12. Bathi ubusuku yimini;Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
13. Ukuba ndithe ndathemba, ndithembé elabafielyo, indlu yam;Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
14. Ukuba ndithe kukubola, Ùngubawo;Ndathi kwimpethu, Ùnguma, ùngudade wethu:
15. Liphi na ke ngoku ithemba lam?Ithemba lam, ngubani na owolibona?
16. Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo,Xa siphumla kunye eluthulini.