1. Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe,Into yam ngamangcwaba.
2. Inene ndiyinto abadlala ngayo,Neliso lam lilibéle ziinkani zabo.
3. Khawubeke into, undimele;Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
4. Ngokuba intliziyo yabo ùyifihlele ukuqiqa;Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
5. Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba,Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
6. Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni;Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7. Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka;Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
8. Bamangaliswa abathe tye yile nto;Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
9. Ke olilungisa ubambe indlela yakhe,Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
10. Kodwa nina nonke, buyani, khanize;Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.