19. Lanikwa zona zodwa ilizwe,Akwangena wasemzini phakathi kwazo.
20. Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija;Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.
21. Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe,Eluxolweni úyamfikela umbhuqi.
22. Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni;Ke yena uqwetyelwe ikrele.
23. Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na?Úyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.
24. Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko;Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.
25. Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe,Wazenza igorha kuSomandla:
26. Wamgila, eyolule intamo,Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
27. Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe,Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
28. Wema imizi engamanxuwa,Nezindlu ezingezakuhlalwa,Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
29. Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe;Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
30. Akayi kusinda ebumnyameni;Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye;Emke ngokufutha komlomo wakhe.
31. Okhohliswayo makangathembeli kumampunge;Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
32. Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe,Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.
33. Wówisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada;Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.
34. Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo,Umlilo uzitshise iintente zokucenga.
35. Bakhawula ububi, bazale ubutshinga,Umbilini wabo usebenze inkohliso.