15. Ubungábizayo ke, ndisabele mna,Uwulangazèle umsebenzi wezandla zakho.
16. Kuba ngoku uyawabala amabanga am,Àkuzigcinile ngenxa yesono sam.
17. Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam;Wahlomela ebugwenxeni bam.
18. Kodwa intaba, isíwa, iyagubeka;Iliwa liyashenxa endaweni yalo;
19. Amanzi ayawadla amatye;Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba;Ithemba lomntu ùyalidakisa ke.
20. Ùthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke;Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
21. Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena;Baba ziimbedlenge, angagqali yena.
22. Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe,Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.