1. Waphendula uYobhi, wathi,
2. Kambe, níni abantu;Buya kufa nani ubulumko.
3. Nam ke ndinentliziyo njengani;Andiwi nganeno kwenu.Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?
4. Ndiyintlekisa kummelwane mna,Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule;Úyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.