3. Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda,Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?
4. Ùthi, Iqaqambile imfundiso yam,Ndinyulu emehlweni akho.
5. Kodwa akaba uThixo ubethetha,Avule umlomo wakhe kuwe;
6. Akuxelele iimfihlakalo zobulumko,Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo;Ùbuya kwazi ke ukuba uThixo wenzé ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.
7. Ùnokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo?Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?
8. Kuphakame ngokwamazulu; ùnokwenza ntoni na?Kunzulu kunelabafileyo; ùnokwazi ntoni na?
9. Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako,Kubanzi kunolwandle.
10. Ukuba úthe phe yena, wavingcela,Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?