1. Ayaba intloko yam ibingamanzi, amehlo am aba lithende leenyembezi; bendiya kubalilela imini nobusuku ababuleweyo bentombi yabantu bakowethu!
2. Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.
3. Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; àbaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.
4. Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.
5. Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidìnise ngokwenza okugwenxa.
6. Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso àbavumi ukundazi; utsho uYehova.
7. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingáthini na ngenxa yentombi yabantu bam?
8. Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.