25. Yabona, ndikuchasile, ntaba yokonakalisa, utsho uYehova, elonakalisileyo lonke ihlabathi; ndiya kolula isandla sam phezu kwakho, ndikuqèngqe uhle ezingxondorheni, ndikwenze intaba etshisiweyo;
26. kungàthatyathwa litye lambombo kuwe, nalitye laziseko; ke uya kwenziwa kube senkangala ngonaphakade; utsho uYehova.
27. Phakamisani ibhanile elizweni, vuthelani isigodlo ezintlangeni; zingcwaliseni iintlanga kuyo, zihlabeleni umkhosi, zize kuyo izikumkani zeArarati neMini neAshkenazi; yalelani kuyo abathetheli; nyusani amahashe, eze njengeenkumbi ezinqunquthayo, ezibetha ube namanwele.
28. Zingcwaliseni iintlanga kuyo, ookumkani bamaMedi, namabamba awo, neerhuluneli zawo zonke, nelizwe lonke lolawulo lwawo.
29. Ihlabathi liyanyikima, liyazibhijabhija; ngokuba zenzeka kwiBhabheli iingcinga zikaYehova, zokulenza ilizwe leBhabheli kube senkangala, lingàmiwa.
30. Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa, ahleli ezimboniselweni; ubugorha bawo buthe qoko, asuka aba ngabafazi. Iminquba yayo ifakwe isikhuni, yaphukile imivalo yayo.