Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulìlela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi.