29. Silivile ikratshi likaMowabhi. Asikuko nokuba likratshi: ukuzidla kwakhe, ikratshi lakhe, ukukratsha kwakhe, nokuphakama kwentliziyo yakhe.
30. Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo.
31. Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres.
32. Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulìlela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi.
33. Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; àbayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho.
34. Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko.
35. Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isigànga ukuba aqhumisele koothixo bakhe.
36. Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele.
37. Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe; ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo.
38. Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova.
39. Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Úyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye.