7. Ngubani na lo unyuka njengoMnayile, umanzi azamazama njengemilambo?
8. IYiputa iyenyuka njengoMnayile, amanzi ayo ayazamazama njengemilambo. Ithi, Ndiya kunyuka, ndiya kuwugubungela umhlaba; ndiya kuyitshabalalisa imizi nabemi bayo.
9. Qakathani, mahashe; nidlongozele, zinqwelo zokulwa. Makaphume amagorha, amaKushi namaPuti aphethé ingweletshetshe, namaLudi, aphethe atyedé isaphetha.
10. Le mini yeyeNkosi, uYehova wemikhosi; yimini yempindezelo, yokuphindezela kubabandezeli bakhe; lidle lihluthe ikrele, lisele lidikwe ligazi labo; ngokuba inombingelelo iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lasentla, emlanjeni ongumEfrati.
11. Nyuka uye eGiliyadi, thabatha amafutha aqholiweyo, nkazanandini, ntombi iyiYiputa; ùfumana usandisa oomathunga; akunakubotshwa.
12. Iintlanga zikuvile ukucukucezwa kwakho, ukukhala kwakho kwazalisa ihlabathi; ngokuba igorha likhubeka egorheni, omabini awa ndaweni-nye.
13. Ilizwi awalithethayo uYehova kuYeremiya umprofeti, ngokuza kukaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ukuba alixabele ilizwe laseYiputa, lalisithi:
14. Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.
15. Yini na ukuba ziqwelwe iimbalasane zakho? Azimanga, ngokuba uYehova uzingqulile.
16. Ukhubekisa abaninzi, ewe, omnye uwela omnye; bathi, Sukani, masibuyele ebantwini bakowethu, ezweni esazalelwa kulo, ngenxa yekrele elidlavulayo.
17. Bádanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.