Kwathi ngomnyaka weshumi kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bamema uzilo lokudla phambi koYehova kubantu bonke baseYerusalem, nakubantu bonke ababevele emizini yakwaYuda, beza eYerusalem.