Thabathela kuwe incwadi esongwayo, uwabhale kuyo onke amazwi endawathetha kuwe ngamaSirayeli, nangamaYuda, nangeentlanga zonke, kususela kwimini endathethayo kuwe, uthabathele emihleni kaYosiya, ude uze kule mini.