31. Thumela kubo bonke abafudusiweyo, uthi, Utsho uYehova ngokusingisele kuShemaya waseNehelam, ukuthi, Ngenxa enokuba uShemaya eniprofetèle, ndingamthumanga mna, wanikholosisa ngobuxoki:
32. ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela uShemaya waseNehelam nembewu yakhe; akayi kuba namntu uhleliyo phakathi kwaba bantu; angayi kubona okulungileyo endikwenzela abantu bam, utsho uYehova; ngokuba ethethè elokukreqa kuYehova.