20. Ngokuba kususela kwakude, ùyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.
21. Mna ke ndakutyala ungumdiliya wohlobo, wonke uphela uyimbewu yenyaniso; ùtheni na ke ukujika, ube ngamasebe angcakacileyo omdiliya ongeguwo kum?
22. Ùngafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.
23. Ùngáthini na ukuthi, Andizenzanga inqambi, andibalandelanga ooBhahali? Yibone indlela yakho emfuleni lowo, ukwazi okwenzileyo, wena mazi yenkamela enamendu, etshobela ngapha nangapha;
24. mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.
25. Luthintele unyawo lwakho lungabi zé, nomqala wakho unganxanwa. Ùthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.
26. Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bòna ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;
27. besithi emthini, Ùngubawo; nasetyeni, Ùndizele; ngokuba bandinikela ikhosi, àbandinikela buso; ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk' ume usisindise.
28. Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho bábengangenâni lemizi yakho, Yuda.