14. Ikhephu laseLebhanon liya kulishiya na iliwa lasezweni? Amanzi anengqele, aqukuqelayo evela kude, aya kutsha na?
15. Ukanti abantu bam bandilibele; baqhumisela kwizinto ezikhohlakeleyo, zabakhubekisa ezindleleni zabo, emendweni engunaphakade, ukuze bahambe ngeengqushu, ngendlela engalungeleliswanga;
16. ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko.
17. Njengomoya wasempumalanga, ndiya kubaphangalalisa phambi kotshaba; ndibanikele umhlana, ndingabanikeli ubuso, ngomhla wokusindeka kwabo.