20. Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am.
21. Ngokuba abalusi bába zizityhakala, àbamquqela uYehova; ngenxa yoko abenzanga ngangqiqo, wachithwachitwa wonke umhlambi wabo.
22. Phulaphulani! Kuvakala into; nantso isiza! Yingxolo enkulu, iphuma ezweni lasentla, ukuze imizi yakwaYuda ibe ngamanxuwa, ibe sisikhundla seempungutye.
23. Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.
24. Ndíthethise, Yehova, kodwa kube ngokwesiko, kungabi ngomsindo wakho, hleze undinciphise.