17. Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini.
18. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe.
19. Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe.
20. Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu.
21. Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.
22. Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo.