8. Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndíbhunyulwe, ndíshiywe ndizé; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.
9. Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.
10. Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigaléle ngothuli.
11. Dlulani, bemi baseShafire, nihambe zé ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga; umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.
12. Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhlé ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.
13. Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.
14. Ngako oko ùya kuyinika iMoreshete yaseGati inqakwe; izindlu zaseAkezibhi ziya kuba ngumlambo okhohlisayo kookumkani bakwaSirayeli.
15. Ndisaya kuyizisa indlalifa kuni, bemi baseMaresha; baya kufika eAdulam abazukileyo bakwaSirayeli. Chebani, niziguye iintloko, ngenxa yoonyana beziyolo zenu;
16. kwenzeni banzi ukucheba kwenu, njengexhalanga; kuba bathinjiwe kuwe.