1. Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumáyo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa.
2. Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
3. Izinto zangaphambili ndazixela kwanîni; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho.
4. Ngokukwazi kwam ukuba ùlukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi,
5. nebunzi lakho lilubhedu, ndakuxelela ezo zinto kwanîni; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile.
6. Ùvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi.
7. Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanîni; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi.
8. Ubungàziva; ubungàzazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanîni. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.
9. Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.
10. Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.