27. Yini na ukuba uthi, Yakobi — uthethe uthi, Sirayeli — Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam?
28. Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, uMdali weziphelo zehlabathi? Akatyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.
29. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.
30. Namadodana angátyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;
31. ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.