1. Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko;
2. umntu abe njengendawo yokuzímela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.
3. Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo.
4. Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini.
5. Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono;
6. kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.
7. Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni.
8. Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene.
9. Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam.
10. Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye.
11. Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni.
12. Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo.
13. Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo.