1. Yeha, Ariyeli,* Ariyeli, mzi awamisa intente kuwo uDavide! Yongezelelani umnyaka kumnyaka; mayizunguleze imithendeleko.
2. Ndiya kuyicutha ke iAriyeli, kubekho ukuncwina noncwino, ibe njengeAriyeli ke leyo kum.
3. Ndiya kukurhawula, ndikungqinge ngenqaba, ndikumisele iintango zokukungqinga;
4. uya kugungxulelwa phantsi, uthethe usemhlabeni, ukuthetha kwakho kudambe, kuvela eluthulini; izwi lakho liphume emhlabeni njengeloneshologu, ukuthetha kwakho kudumzele eluthulini.