19. Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlaathi njengenxila;
20. liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke.
21. Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini;
22. bahlanganiswe bahlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi.
23. Iya kuba neentloni inyanga, lidane ilanga, xa uYehova wemikhosi angukumkani entabeni yeZiyon, naseYerusalem, naphambi kwamadoda akhe amakhulu, ngobuqaqawuli.