16. Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.
17. Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.
18. Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres.*
19. Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo.