17. Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.
18. Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;
19. abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.
20. Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.
21. Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha.
22. Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa.
23. Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa.